






116 BONA XHOSA - November 1996





INCWADANA
YOKHUSELEKO
EZINDLELENI
INTSHAYELELO:

Ubomi bubalulekile yaye bufanele bukhuselwe ngumntu wonke. Kufa abantu abaninzi ezindleleni zaseMzantsi-Afrika ngenxa yokungaqhubi ngenkathalo nangenxa yokungayithobeli imithetho yendlela.

Imithetho yendlela yenzelwe ukunceda abantu -ukuthintela umbhodamo ezindleleni nokwenza iindlela zikhuseleke ebantwini abazisebenzisayo. Njengomsebenzisi wendlela kufuneka uyithobele imithetho yendlela ukuze iindlela zikhuseleke.

Baninzi abantu abaphulukene nemiphefumlo yabo nezalamane zabo ngenxa yeengozi zendlela ebezinokuphetshwa. Oku kwenze abantu balahlekelwa yimivuzo yabo ngenxa yokwenzakala, abantwana abashiyeka bengenabazali baze bangabi nabantu baza kubafundisa. Ungavumeli oku kwenzeke kuwe nakwizalamane zakho.

Le ncwadana yenzelwe ukufundisa umqhubi nabahambi ngeenyawo ngeendlela zokuphepha iingozi. Ukhumbule ukuba kokwenziwa ngumntu wonke osebenzisa indlela okwenza zingabikho iingozi. Ungacingi ngesiqu sakho kuphela. Cinga nangabanye abantu abasebenzisa indlela njengawe.

Siyathemba ukuba ukufunda le ncwadi kuya kukuvula amehlo kukukhumbuze nangokhuseleko lwakho endleleni nolwabanye abantu abasebenzisa indlela. Qiqa, yiba nomonde, lumka ukhumbule nokuba imithetho yendlela ibekelwe ukuba ithotyelwe - ukuze ukhuseleke nabanye abantu abasebenzisa indlela.

OKUNGAPHAKATHI

1.	Iimbopheleleko zomntu ohamba ngeenyawo       117


2.Iindlela abantu abahamba ngeenyawo abazibeka
  engozini ngayo endleleni	                     121
3. Ukhuseleko lwabantwana ezindleleni	         122
4. Yiba ngumkhweli- bhayisikili onenkathato	   124
5. Amacebiso okhuseleko kubahambi ngeenyawo	   126
6. Yiba nelayisensi yokuqhuba esemthethweni	   127
7. Amanyathelo okuzikhusela	..                   130
8. Izixhobo zokunxulumana	                     132
9. Ukunxiba iibhanti zezitulo zezithuthi	   132


10.	Ixesha lokutshintsha isantya sesithuthi
	endleleni						    132
11. Ukulungela ukuqhuba	                            133
12. Iimpawu zomqhubi odiniweyo	                135
13. Ukugoca-goca isithuthi sakho	                136
14. Iimbopheleleko zomqhubi weteksi	.         137

15.Ukugcina iteksi yakho ikhuselekile kubahambi . 131

16. Amacebiso okhuseleko abahambi	                141

17.Izinto ekufuneka uziqwalasele            .       143


18.	Ukusela utywala uza kuqhuba            .      145













OKWENZA ABANTU ABAHAMBA NGEENYAWO BAZIFAKE ENGOZINI ENDLELENI

* Badla ngokusela utywala ngaphambi kokuba bahambe
endleleni, bengaqondi ukuba oko:
Kunokwenza bangaboni kakuhle - bazibona izinto zibe mbini ngexesha. Ababoni kakhulu xa kusebusuku. Kuphazamisa ukwenza kwabo izigqibo amaxesha amaninzi bacinga ukuba benza okukhuselekile babe besenza iimpazamo.
Ingqondo ayisebenzi kakuhle - baba nomsindo bangabi nankathalo.
Benza bangakhawulezi ukwenza into phakathi kwezithuthi.

* Badla ngokungasichani isantya sesithuthi, bacinge ukuba sisekude isithuthi esizayo xo benqumla indlela.
Oku akwenzeki kakuhle nangakumbi xa usele utywala.




UBUSAZI UKUBA?

I-42% yabantu abafa ezindleleni zethu ngabantu abahamba ngeeNyawo, kwaye phantse isiqiNgatha selo nani ziingozi ezenzeka ebusuku ngakumbi kuba abaqhubi bengababoni abantu abanqumla indlela.






146 BONA XHOSA - November 1996


Abaqhubi abanxilileyo benza benza izigqibo ezingenangqondo endleleni.
Isiselo esinye sanele ukuphazamisana indlela oqhuba ngayo.

Ayikho nje indlela obungaphela ngokukhawuleza ngayo utywala emzimbeni wakho. Nokubu unguyiselu kangaphi na ikofu emnyama, ubethwe kungaphi na ngumoya okanye uhlambe kwishower ebandayo kuyafana!

AMACEBISO OMAWUWAKHUMBULE:

*	Bacingele nabamye abantu obasebenzis' idlela - nabo banelungelo elifana nelakho lokusebenzisa indlela.

*	Bonakalisa xa uzukujika, uzakumisa okanye uzakutshintsha imigca.

*	Xa umisela obakhweli, bachazele kuselitbuba abanye abaqhubi.


*	Misa KUPHELA kwindawo ekhuselekileyo.
*	Khumbulu ukuba bonke abaqhubi abanamava njengawe.











Abacebiso endlela xa uselonwabeni

Babonise abuhlobo bakho ukubu ubukhathalele ubomi babo:


.Zicelele ukubagodusa abahlobo bakho ababesela, ubacelele indowo kwezinye iimoto ezinabantu abanganxilanga kungenjalo ubaphe indawo yokulala de kuse.


.Ungavumeli obuhlobo bukho ubanxilileyo bagoduke ngeenyawo - umntu ohamba ngeenyawo onxilileyo uyingozi njengomqhubi onxilileyo.


.Ungazinyanzelisi iindwendwe zakho ukubu zisele - andithi uwungethandi ukubekw'ityala kusakufunyaniswa ukubu babanjelwe ukuqhuha benxilile.


.Unguziphi ngaphezu kweglasi enye yotywala ngeyure iindwendwe mane uzipha nesiselo esibandayo. .


Yicebe indawo oza ubuyela kuyo xa usiya kusela utywala komnye umzi.

.Abahlobo bangatshintshisana ngokungaseli ukuze bagoduse abaseleyo.


.Ukuba ubusele cela umntu ongakhange asele ukubu akugoduse okanye ulale kwakhe kungenjalo uqeshe iteksi .







I-OMO Mailbag
Abe-Omo Mailbag banecebiso lasimahla elithembakeleyo kuyo nayiphi na ingxaki oyifumanayo ngosuku lwakho lwevasi kwaye idilesi nenombolo yabo yomnxeba ibhalwe kwipakethi nganye ye-Omo .
emini
Radio Xhosa - ngolwesiBini -10.00 kusasa Radio Ndebele - ngolwesiBini
- 9.30 kusasa
Radio Sesotho - ngoMvulo -
















Molweni kwaye siyanamkela kwakhona kwi-Omo Mailbag . ileta yethu kule nyanga ivela kuNkszn. F.A. Mabhema nobhala athi:

Akaqinisekanga nokuba usisebenzisa ngendlela kusini na isicocisisi sakhe. Uyigalela ebhafini ivasi yakhe. agalele amanzi alandele ukugalela i-Omo Micro .

Ukusisebenzisa kakuhle isicocisisi kwenza umahluko
omkhulu kwiziphumo zakho zevasi . Okokuqala kubalulekile ukuqinisekisa ukuba isicocisisi sinyibilikiswe emanzini NGAPHAMBI kokuba ufake ivasi yakho ebhafini . Ngaloo ndlela uyaqinisekisa ukuba zonke iimpahla ezisebhafini ziyasifumana isicocisisi ukuze siwacocisise amalaphu.

Ungayigaleli empahleni isepha engumgubo kuba oko kuya kudala amabala kuyo.

Ukusebenzisa umlinganiselo onguwo linyathelo elilandelayo.
Omawuwusebenzise uchaziwe kwibhokisi ye-Omo
Micro . Xa usebenzisa omncinci ayinakucocisiseka ivasi yakho. kwaye nokusebenzisa isepha eninzi kuyinkcitha. Icephe elikwibhokisi yeOmo Micro lingowona mlinganiselo ufaneleyo.

ICEBISO LOKUSUSA IBALA
ICarbon paper . Yithi chuku imethylated spirits uyihlambe ngokuqhelekileyo nge-Omo Micro .

Phulaphula i:
Radio Zulu - ngoMvulo - 2.30
2.00	emini Radio Lebowa -ngolwesiThathu - 11.35 kusasa
(North Sotho)
Radio Swazi - ngolwesiNe 2.00 emini
Radio Setswana -ngolwesiNe - 10.30 kusasa Radio Venda -ngolwesiThathu - 9.30



	KUBHETELE UKUFIKA EMVA KWEXESHA KUNOKUNGAFIKI

		BONA XHOSA - November 1996 121

	*Ungaqhubi xa usele utywala - ungaphulukana nobomi hakho.

		BONA XKOSA - November 1996 149

